20 Benza amanye amakhonkco amabini ngegolide, bawafaka ezizibeni zamagxa zozibini ze-efodi ngaphantsi, mayela nomphambili wayo, kufuphi nokuhlangana kwayo, entla kombhinqo we-efodi.
21 Balunxibelela ubengo ngamakhonkco alo, emakhonkcweni e-efodini, ngentsontelo yemisonto emsi, lwaba sentla kombhinqo we-efodi, ukuze lungasuki ubengo kuyo iefodi, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
22 Benza ingubo yokwaleka ye-efodi, umsebenzi womluki, yonke ngemisonto emsi.
23 Umqala wengubo yokwaleka waba sesazulwini sayo, njengomqala wesigcina-sifuba; waba nomphetho owujikelezileyo umqala, ukuze ungakrazuki.
24 Benza emqukumbelweni wengubo yokwaleka iirharnate ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ephothiweyo.
25 Benza namankenteza egolide ecocekileyo, bawabeka amankenteza phakathi kweerharnate emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kwazunguleza phakathi kweerharnate:
26 yaba linkenteza nerharnate, inkenteza nerharnate, emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kwazunguleza; ukuba kulungiselelwe njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.