31 Bayifaka umtya wemisonto emsi, yanxitywa elunkontshweni phezulu, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
32 Wagqitywa ke wonke umsebenzi womnquba wentente yokuhlangana. Benza oonyana bakaSirayeli njengako konke uYehova ebemwisele umthetho ngako uMoses, benjenjalo.
33 Bawuzisa umnquba kuMoses: intente nempahla yayo yonke, amakhonkco ayo, neeplanga zayo, nemivalo yayo, neentsika zayo, neziseko zayo;
34 nesigubungelo sezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, nomkhusane osithelisayo;
35 netyeya yesingqino, nezibonda zayo, nesihlalo sokucamagusha;
36 netafile, neempahla zayo zonke, nezonka zokubonisa;
37 nesiphatho sezibane esihle, nezibane zaso, izibane ezicwangcisiweyo, nempahla yaso yonke, neoli yokukhanyisa;