6 Benza amatye ebherilo,* abhijelwe ngomluko wegolide, akrolwa ngokukrolwa kwemisesane yokutywina, ngokwamagama oonyana bakaSirayeli;
7 wawabeka ezizibeni zamagxa ze-efodi, aba ngamatye esikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
8 Walwenza ubengo, lwaba ngumsebenzi wengcibi yokuluka, njengokwenziwa kwe-efodi, ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.
9 Lwaba mbombo-né, lwaphindwa, balwenza ubengo; ubuda balo baba ngangokolulwa kweminwe,* ububanzi balo baba ngangokolulwa kweminwe luphindiwe.
10 Bafaka kulo imikrozo yaminé yamatye; ukrozo lwesardiyo,* netopazi,* nesmarado,* lwaba lukrozo lokuqala olo;
11 ukrozo lwesibini lwaba yirubhi,* nesafire,* nekalikedo;*
12 ukrozo lwesithathu lwaba yihakinto,* neagati,* neametiste;*