8 Walwenza ubengo, lwaba ngumsebenzi wengcibi yokuluka, njengokwenziwa kwe-efodi, ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.
9 Lwaba mbombo-né, lwaphindwa, balwenza ubengo; ubuda balo baba ngangokolulwa kweminwe,* ububanzi balo baba ngangokolulwa kweminwe luphindiwe.
10 Bafaka kulo imikrozo yaminé yamatye; ukrozo lwesardiyo,* netopazi,* nesmarado,* lwaba lukrozo lokuqala olo;
11 ukrozo lwesibini lwaba yirubhi,* nesafire,* nekalikedo;*
12 ukrozo lwesithathu lwaba yihakinto,* neagati,* neametiste;*
13 ukrozo lwesiné lwaba yikrizolite,* nebherilo, neyaspisi;* abhijelwa ngomluko wegolide ezimfakweni zawo.
14 Amatye lawo amiswa ngokwamagama oonyana bakaSirayeli abalishumi elinababini, ngokwamagama abo; aba nokrolo lomsesane wokutywina, lathi elo laba negama lalo, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini.