11 uthambise uhehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo, ulungcwalise.
12 Uze usondeze uAron noonyana bakhe emnyango wentente yokuhlangana, ubahlambe ngamanzi;
13 umnxibe uAron izambatho ezingcwele, umthambise, umngcwalise, ukuze abe ngumbingeleli kum.
14 Wòsondeza oonyana bakhe, ubanxibe iingubo zangaphantsi;
15 ubathambise njengoko wamthambisayo uyise, ukuze babe ngababingeleli kum; kuthi ukuthanjiswa kwabo kube kokobubingeleli obungunaphakade kubo, kwizizukulwana zabo.
16 Wenza ke uMoses; njengako konke uYehova abemwisele umthetho ngako, wenjenjalo.
17 Kwathi, ngenyanga yokuqala ngomnyaka wesibini, ngolokuqala enyangeni leyo, wamiswa umnquba.