17 Kwathi, ngenyanga yokuqala ngomnyaka wesibini, ngolokuqala enyangeni leyo, wamiswa umnquba.
18 Wawumisa ke uMoses umnquba, wazibeka iziseko zawo, wazimisa iiplanga zawo, wayifaka imivalo yawo, wazimisa iintsika zawo.
19 Wayaneka intente phezu komnquba, wabeka isigubungelo sentente phezu kwayo phezulu, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
20 Wasithabatha isingqino, wasibeka etyeyeni, wazifaka izibonda etyeyeni, wasibeka isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya phezulu.
21 Wayingenisa ityeya emnqubeni, wawuxhoma umkhusane osithelisayo, wayisithelisa ityeya yesingqino, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
22 Wayibeka itafile ententeni yokuhlangana, ngecala lomnquba elingasentla, nganeno komkhusane;
23 wacwangcisa phezu kwayo ukucwangciswa kwezonka phambi koYehova, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.