21 Wayingenisa ityeya emnqubeni, wawuxhoma umkhusane osithelisayo, wayisithelisa ityeya yesingqino, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
22 Wayibeka itafile ententeni yokuhlangana, ngecala lomnquba elingasentla, nganeno komkhusane;
23 wacwangcisa phezu kwayo ukucwangciswa kwezonka phambi koYehova, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
24 Wasimisa isiphatho sezibane ententeni yokuhlangana, sakhangelana netafile ngecala lomnquba elingasezantsi;
25 wazimisa izibane phambi koYehova, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
26 Wasibeka isibingelelo segolide ententeni yokuhlangana, phambi komkhusane.
27 Waqhumisela phezu kwaso ngesiqhumiso esimnandi, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.