25 wazimisa izibane phambi koYehova, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
26 Wasibeka isibingelelo segolide ententeni yokuhlangana, phambi komkhusane.
27 Waqhumisela phezu kwaso ngesiqhumiso esimnandi, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
28 Wasixhoma isisitheliso somnyango emnqubeni.
29 Wasibeka isibingelelo sedini elinyukayo emnyango womnquba wentente yokuhlangana; wanyusa kuso idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
30 Walubeka uhehema lwesitya sokuhlambela phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo eso, wagalela amanzi okuhlamba kulo.
31 Bazihlamba ooMoses noAron noonyana bakhe izandla zabo neenyawo zabo khona.