6 UFaro wabawisela umthetho abaphathi nabaqhubi-kalukhuni babantu ngaloo mini, esithi,
7 Ize ningabi sabanika abantu umququ wokwenza izitena, njengokwangaphambili; mabaye ngokwabo, bazibuthele umququ;
8 nenani lezitena ababelenza njengokwangaphambili, bamiseleni lona; ize ningalinciphisi, kuba bayahiliza; kuko le nto bakhalayo, besithi, Masiye kubingelela kuThixo wethu.
9 Mawube nzima umsebenzi phezu kwamadoda, asebenze wona, angaphulaphuli amazwi obuxoki.
10 Baphuma ke abaphathi nabaqhubikalukhuni babantu, bathetha ebantwini bathi, Utsho uFaro ukuthi, Andiyi kuninika mququ;
11 yiyani nina, nizithabathele umququ apho ningawufumana khona; kuba akuyi kuncitshiswa nto emsebenzini wenu.
12 Baphalazeka abantu ezweni lonke laseYiputa, babutha iindiza endaweni yomququ.