1 Wathi uYehova kuMoses, Khangela, ndikwenzé uthixo kuFaro; ke uAron umkhuluwa wakho woba ngumprofeti wakho.
2 Wena wothetha zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo; ke uAron umkhuluwa wakho wothetha kuFaro, aze abandulule oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe.
3 Ke mna ndiya kuyiqaqadekisa intliziyo kaFaro, ndiyandise imiqondiso yam nezimanga zam ezweni laseYiputa.
4 Akayi kuniphulaphula uFaro. Ke mna iYiputa ndiya kuyisa isandla, ndiyikhuphe imikhosi yam, abantu bam oonyana bakaSirayeli, ezweni laseYiputa ngezigwebo ezikhulu;