22 Zenjenjalo ke nezazi zaseYiputa ngobugqi bazo. Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova.
23 Wajika uFaro, waya endlwini yakhe, akayibekela ntliziyo nale nto.
24 Onke amaYiputa emba amanzi okusela ngeenxa zonke emlanjeni; kuba ebengenakuwasela amanzi omlambo.
25 Kwazaliseka isixhenxe seentsuku emveni kokuwubetha kwakhe uYehova umlambo.