5 azi amaYiputa, ekusoluleni kwam isandla sam phezu kweYiputa, ukuba ndinguYehova; ndibakhuphe oonyana bakaSirayeli phakathi kwawo.
6 Wenza ke uMoses noAron; ngoko uYehova wabawisela umthetho ngako, benjenjalo.
7 UMoses ubeminyaka imashumi asibhozo ezelwe, noAron ubeminyaka imashumi asibhozo anamithathu ezelwe, ukuthetha kwabo kuFaro.
8 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, wathi,
9 Xa athe uFaro wathetha kuni, esithi, Ndiboniseni isimanga, wòthi wena kuAron, Thabatha intonga yakho, uyiphose phambi koFaro; yoba yinyoka.
10 Wangena uMoses noAron kuFaro; benza njengoko uYehova wabawisela umthetho, uAron wayiphosa intonga yakhe phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe, yaba yinyoka.
11 Naye uFaro wazibiza izilumko nabakhafuli; zenjenjalo nezazi ezo zaseYiputa, ngobugqi bazo.