3 umlambo unyakazele amasele, anyuke, angene endlwini yakho, nasesililini sakho, naphezu kwesingqengqelo akho, nasendlwini yabakhonzi bakho, nasebantwini bakho, nasezimbizeni zakho, nasemikhumbini yakho yentlama;
4 anyuke amasele lawo, eze nakuwe, nakubantu bakho, nakubakhonzi bakho bonke.
5 Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Yolula isandla sakho eso sinentonga yakho phezu kwemilambo, naphezu kwemijelo, naphezu kwamachibi, unyuse amasele phezu kwelizwe laseYiputa.
6 Wasolula ke uAron isandla sakhe phezu kwamanzi aseYiputa; enyuka amasele, aligubungela ilizwe laseYiputa.
7 Zenjenjalo nezazi ngobugqi bazo, zawanyusa amasele phezu kwelizwe laseYiputa.
8 UFaro wabiza uMoses noAron, wathi, Mthandazeni uYehova, awasuse amasele kum nasebantwini bam; ndobandulula abantu, baye kubingelela kuYehova.
9 Wathi uMoses kuFaro, Zizukise ngokundimisela ixesha lokuba ndikuthandazele nini na, wena nabakhonzi bakho, nabantu bakho, anqunyulwe amasele kuwe nakwindlu yakho, asale emlanjeni wodwa.