3 yabona, isandla sikaYehova soba semfuyweni yakho esendle, emahasheni, emaesileni, ezinkameleni, ezinkomeni, nasempahleni emfutshane, senze indyikitya yokufa enzima kunene;
4 uYehova ayibalule imfuyo yamaSirayeli kwimfuyo yamaYiputa: akuyi kufa nto kuyo yonke eyoonyana bakaSirayeli.
5 UYehova umisé ixesha elithile, wathi, Ngomso uYehova uya kuyenza le nto kweli lizwe.
6 Wayenza ka uYehova le nto ngengomso. Yafa yonke imfuyo yamaYiputa; ke kweyoonyana bakaSirayeli imfuyo akufanga nanye.
7 UFaro wasusa umntu. O, kweyamaSirayeli imfuyo akufanga nokuba ibe nye. Yaqaqadeka intliziyo kaFaro, akabandulula abantu.
8 Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Thabathani uthuthu lweziko, nizalise izandla zozibini, uMoses aluphose phezulu esibhakabhakeni phambi koFaro,
9 lube luthuli ezweni lonke laseYiputa, lube ngamathumba athe qwele ngamaqhakuva ebantwini, nasezinkomeni, ezweni lonke laseYiputa.