14 Ke incum yomtshangatshangiso nomlenze womrhumo, ezo nto nozidla endaweni emhlophe, wena noonyana bakho neentombi zakho kunye nawe; kuba zimiselwe wena, zimiselwe oonyana bakho; zenizinikiweyo emibingelelweni yoxolo yoonyana bakaSirayeli.
15 Umlenze womrhumo nencum yomtshangatshangiso yoziswa nokudla kwasemlilweni kwamanqatha, ukuba itshangatshangiswe ibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, ibe ngowakho noonyana bakho kunye nawe; ibe ngummiselo ongunaphakade, njengoko uYehova wawisayo umthetho.
16 Ibhokhwe yedini lesono wayifuna kunene uMoses. Yini? Itshisiwe. Waba noburhalarhume ngakuElazare noItamare, oonyana baka-Aaron abaseleyo, esithi,
17 Kutheni na le nto ningalidlanga idini lesono endaweni engcwele? Kuba liyingcwele kangcwele; uniniké lona ukuze nibuthwale ubugwenxa bebandla, ukuze nilicamagushele phambi koYehova.
18 Yabonani, alingeniswanga igazi lalo engcweleni phakathi; ninge nilidlile okunene engcweleni, njengoko ndawisa umthetho.
19 Wathetha uAron kuMoses, esithi, Yabona, namhlanje basondeze idini labo lesono, nedini labo elinyukayo phambi koYehova; ndahlelwa zezi zinto. Ukuba bendilidlile idini lesono namhla, bekuya kulunga yini na emehlweni kaYehova?
20 Weva uMoses; kwalunga emehlweni akhe.