16 Ibhokhwe yedini lesono wayifuna kunene uMoses. Yini? Itshisiwe. Waba noburhalarhume ngakuElazare noItamare, oonyana baka-Aaron abaseleyo, esithi,
17 Kutheni na le nto ningalidlanga idini lesono endaweni engcwele? Kuba liyingcwele kangcwele; uniniké lona ukuze nibuthwale ubugwenxa bebandla, ukuze nilicamagushele phambi koYehova.
18 Yabonani, alingeniswanga igazi lalo engcweleni phakathi; ninge nilidlile okunene engcweleni, njengoko ndawisa umthetho.
19 Wathetha uAron kuMoses, esithi, Yabona, namhlanje basondeze idini labo lesono, nedini labo elinyukayo phambi koYehova; ndahlelwa zezi zinto. Ukuba bendilidlile idini lesono namhla, bekuya kulunga yini na emehlweni kaYehova?
20 Weva uMoses; kwalunga emehlweni akhe.