1 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi kubo,
2 Thethani koonyana bakaSirayeli, nithi, Zizo ezi izinto eziphilileyo enodla zona ezintweni zonke ezizitho ziné ezisehlabathini:
3 zonke izinto ezithiwe gqiphu uphuphu, ezimpuphu zicandwe kubini, ezetyisa umtyiso, ezintweni ezizitho ziné, nozidla ezo.
4 Zezi zodwa eningayi kuzidla kwezetyisa umtyiso, nakwezithiwe gqiphu uphuphu: inkamela, ngokuba ityisa umtyiso, ke ayiluthe gqiphu uphuphu, iyinqambi kuni;
5 nembila, ngokuba ityisa umtyiso, ke ayiluthe gqiphu uphuphu, iyinqambi kuni;
6 nomvundla, ngokuba utyisa umtyiso, ke awuluthe gqiphu uphuphu, uyinqambi kuni;
7 nehagu, ngokuba iluthe gqiphu uphuphu, ke ilucande kubini uphuphu, yabe ingawutyisi umtyiso, iyinqambi kuni.