20 Yonke inyakanyaka enamaphiko, ehamba ngazitho ziné, yoba nezothe kuni.
21 Zezi zodwa enozidla kwinyakanyaka yonke enamaphiko, ehamba ngazitho ziné, enemilenze yomibini entla kweenyawo zayo, yokuba itshakace ngayo emhlabeni;
22 zezi ke kuzo enozidla: inkumbi ngohlobo lwayo, nesibotho ngohlobo lwaso, nomqhathu ngohlobo lwawo, nomcikwane ngohlobo lwawo.
23 Ke yonke inyakanyaka enamaphiko, enazitho ziné, yoba nezothe kuni.
24 Ngenxa yayo noba ziinqambi; abachukumisa isidumbu sayo boba ziinqambi, bahlwise;
25 bonke abasusa nto yesidumbu sayo, bohlamba iingubo zabo, babe ziinqambi, bahlwise.
26 Yonke into ezitho ziné eluthe gqiphu uphuphu, ukulucanda ingalucandi kubini, ingatyisi mtyiso, iyinqambi kuni; bonke abayichukumisayo boba ziinqambi.