27 Neento zonke ezihamba ngamathupha azo, ezintweni zonke eziphilileyo ezihamba ngazitho ziné, ziziinqambi kuni; bonke abasichukumisayo isidumbu sazo, boba ziinqambi bahlwise.
28 Lowo ususa isidumbu sazo, wohlamba iingubo zakhe, abe yinqambi ahlwise; ziinqambi zona kuni.
29 Zezi ezoba ziinqambi kuni enyakanyakeni enyakazela emhlabeni: igala, nempuku, noxam ngohlobo lwakhe;
30 nentulo, necilishe, norhoqotyeni, noqebeyi, nolovane.
31 Zezo eziziinqambi kuni enyakanyakeni yonke; bonke abazichukumisayo ezifileyo kuzo, boba ziinqambi, bahlwise.
32 Izinto zonke ezithe zawelwa yenye yazo ifîle, zoba ziinqambi: nokuba ziimpahla zonke zemithi, nokuba ziingubo, nokuba zizikhumba, nokuba ziingxowa, zonke iimpahla ekusetyenzwa ngazo, zonyiwa emanzini, zibe ziinqambi, zihlwise; zize zihlambuluke ke.
33 Iimpahla zonke zomdongwe, ethe yeyela kuzo enye yazo, zoba ziinqambi zonke izinto eziphakathi kwazo; noziqhekeza ke.