36 Kodwa umthombo nequla elinentlanganisela yamanzi lohlambuluka; osichukumisayo isidumbu sazo woba yinqambi.
37 Xa kuthe kwawa nandawoni yesidumbu sazo embewini yonke ehlwayelwayo, eza kuhlwayelwa, yohlambuluka yona.
38 Xa kuthe kwagalelwa amanzi embewini, kwawa nandawoni yesidumbu sazo phezu kwayo, yoba yinqambi kuni.
39 Xa kuthe kwafa nto izitho ziné idliwayo nini, lowo usichukumisayo isidumbu sayo woba yinqambi, ahlwise.
40 Lowo udlayo esidumbini sayo, wozihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi, ahlwise; nalowo ususa isidumbu sayo, wozihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi, ahlwise.
41 Yonke inyakanyaka enyakazela emhlabeni inezothe; mayingadliwa.
42 Zonke izinto ezihamba ngesisu, neento zonke ezihamba nganyawo-né, kude kuse kwiinto zonke ezineenyawo ezininzi, enyakanyakeni yonke enyakazelayo emhlabeni, ize ningazidli; ngokuba zinezothe.