9 Ezintweni zonke ezisemanzini nozidla ezi: zonke izinto ezinamaphiko namaxolo emanzini, ezilwandleni nasemilanjeni, nozidla zona.
10 Ke zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo ezilwandleni nasemilanjeni, enyakanyakeni yonke esemanzini, nasezintweni eziphilileyo ezisemanzini,
11 zoba nezothe kuni, zibe nezothe kuni. Nize ningayidli inyama yazo; nezidumbu zazo zibe nezothe kuni.
12 Zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo emanzini zoba nezothe kuni.
13 Zezi ezintakeni ezoba nezothe kuni; zezingadliwa, zinezothe zona: ixhalanga,
14 nosilwangangubo, nonomakhwezana;
15 noontloyiya ngohlobo lwabo; nehlungulu lonke ngohlobo lwalo;