1 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
2 Umntu xa kuthe kwakho elùswini lwenyama yakhe ukufukuka, nokuba kukujaduka, nokuba litshatshazi, laba sisibetho seqhenqa elùswini lwenyama yakhe, woziswa kuAron umbingeleli, nokuba kukomnye woonyana bakhe ababingeleli.
3 Wosikhangela umbingeleli isebetho elùswini lwenyama yakhe; ukuba luthe unwele esibethweni lwasuka lwaba mhlophe, sabonakala isibetho sithe gangqa elùswini lwenyama yakhe: sisibetho seqhenqa eso; womkhangela umbingeleli, athi uyinqambi.
4 Ukuba itshatshazi lithe lamhlophe elùswini lwenyama yakhe, alabonakala lithe gangqa elùswini, alwasuka lwaba mhlophe unwele lwalo, umbingeleli womvalela onesibetho imihla esixhenxe;
5 umbingeleli amkhangele ngomhla wesixhenxe; O! isibetho simi emehlweni akhe, asiqhenqethi isibetho elùswini; wophinda umbingeleli amvalele imihla esixhenxe.
6 Umbingeleli wophinda amkhangele ngomhla wesixhenxe; O! isibetho sibunile, asiqhenqethi isibetho elùswini; umbingeleli wothi uhlambulukile: kukujaduka oko. Wozihlamba iingubo zakhe; aze ahlambuluke ke.
7 Ukuba ukujaduka kuthe kwaqhenqetha kakhulu elùswini, emva kokubonakala kwakhe kumbingeleli ngenxa yokuhlanjululwa kwakhe, wophinda abonakale kumbingeleli; umbingeleli akhangele,