11 liqhenqa elidala eli elùswini lwenyama yakhe; umbingeleli wothi uyinqambi; angamvaleli, ngokuba uyinqambi.
12 Ke ukuba iqhenqa lithe qwele kakhulu elùswini, iqhenqa lalugubungela lonke ulùsu lonesibetho, lathabathela entloko lesa ezinyaweni, ngokubona konke kwamehlo ombingeleli,
13 umbingeleli wokhangela; O! liyigubungele yonke inyama yakhe iqhenqa; wothi uhlambulukile onesibetho; usuke waba mhlophe wonke ephela, uhlambulukile.
14 Ke ngomhla ebonakeleyo kuye inyama ekrwada, uyinqambi.
15 Aze ayikhangele umbingeleli inyama ekrwada, athi uyinqambi; inyama ekrwada iyinqambi: liqhenqa ke elo.
16 Naxa ithe yabuya inyama ekrwada, yasuka yaba mhlophe, woza kumbingeleli;
17 umbingeleli amkhangele, O! sisuke isibetho saba mhlophe, umbingeleli wothi uhlambulukile onesibetho; uhlambulukile ke yena.