24 Ke inyama, xa kuthe kwakho elùswini lwayo umtshiso womlilo, kwathi ukuphola komtshiso kwaba litshatshazi elifuna ukuba yingqombela, nokuba limhlophe kanye,
25 walikhangela umbingeleli itshatshazi, O! lusuke lwamhlophe unwele etshatshazini, libonakala lithe gangqa elùswini: liqhenqa ke elo; lithe qwele emtshisweni. Umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa ke eso.
26 Ukuba uthe wakhangela umbingeleli, O! akukho lunwele lumhlophe etshatshazini, alithe gangqa elùswini, libunile: umbingeleli womvalela imihla esixhenxe;
27 akhangele umbingeleli ngomhla wesixhenxe; ukuba lithe laqhenqetha kakhulu elùswini, umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa ke eso.
28 Ke ukuba itshatshazi lithe lema endaweni yalo, alaqhenqetha elùswini, lisuke labuna: kukufukuka komtshiso oko. Umbingeleli wothi uhlambulukile; kuba kukuqulungana komtshiso oko.
29 Xa kuthe kwakho isibetho kwindoda nenkazana entloko, nokuba kusesilevini; wasikhangela umbingeleli isibetho,
30 O! sithe gangqa elùswini ukubonakala kwaso, kukho unwele kuso olulubhelu olomileyo, umbingeleli wothi iyinqambi: kukudlathuka kweenwele oko, liqhenqa lasentloko, nokuba lelasesilevini elo.