27 akhangele umbingeleli ngomhla wesixhenxe; ukuba lithe laqhenqetha kakhulu elùswini, umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa ke eso.
28 Ke ukuba itshatshazi lithe lema endaweni yalo, alaqhenqetha elùswini, lisuke labuna: kukufukuka komtshiso oko. Umbingeleli wothi uhlambulukile; kuba kukuqulungana komtshiso oko.
29 Xa kuthe kwakho isibetho kwindoda nenkazana entloko, nokuba kusesilevini; wasikhangela umbingeleli isibetho,
30 O! sithe gangqa elùswini ukubonakala kwaso, kukho unwele kuso olulubhelu olomileyo, umbingeleli wothi iyinqambi: kukudlathuka kweenwele oko, liqhenqa lasentloko, nokuba lelasesilevini elo.
31 Xa athe umbingeleli wasikhangela isibetho sokudlathuka kweenwele, O! asithe gangqa elùswini ukubonakala kwaso, kungekho lunwele lulubhelu kuso, umbingeleli womvalela onesibetho sokudlathuka kweenwele imihla esixhenxe.
32 Umbingeleli xa athe wamkhangela onesibetho ngomhla wesixhenxe, O! ukudlathuka akuqhenqethanga, akwabakho lunwele lulubhelu kuye, ukubonakala kokudlathuka kungathanga gangqa elùswini,
33 wozicheba, kodwa angayichebi indawo edlathukileyo; aphinde umbingeleli amvalele imihla esixhenxe onendawo edlathukileyo.