32 Umbingeleli xa athe wamkhangela onesibetho ngomhla wesixhenxe, O! ukudlathuka akuqhenqethanga, akwabakho lunwele lulubhelu kuye, ukubonakala kokudlathuka kungathanga gangqa elùswini,
33 wozicheba, kodwa angayichebi indawo edlathukileyo; aphinde umbingeleli amvalele imihla esixhenxe onendawo edlathukileyo.
34 Umbingeleli akukukhangela ngomhla wesixhenxe ukudlathuka, O! ukudlathuka akuqhenqethanga elùswini, ukubonakala kwako kungathanga gangqa elùswini, umbingeleli wothi uhlambulukile. Wozihlamba iingubo zakhe, ahlambuluke ke.
35 Ukuba ukudlathuka kuthe kwaqhenqetha kakhulu elùswini emveni kokuhlanjululwa kwakhe, wakukhangela umbingeleli,
36 O! ukudlathuka kuqhenqethile elùswini, umbingeleli akasayi kuba saphicotha lunwele lulubhelu: uyinqambi yena.
37 Ukuba kusuke kwema ukudlathuka emehlweni akhe, kwakhula unwele olumnyama kuko, kupholile ukudlathuka, uhlambulukile; umbingeleli wothi uhlambulukile.
38 Xa kuthe kwakho kwindoda nakwinkazana elùswini lwenyama yayo amatshatshazi, amatshatshazi amhlophe, wakhangela umbingeleli,