35 Ukuba ukudlathuka kuthe kwaqhenqetha kakhulu elùswini emveni kokuhlanjululwa kwakhe, wakukhangela umbingeleli,
36 O! ukudlathuka kuqhenqethile elùswini, umbingeleli akasayi kuba saphicotha lunwele lulubhelu: uyinqambi yena.
37 Ukuba kusuke kwema ukudlathuka emehlweni akhe, kwakhula unwele olumnyama kuko, kupholile ukudlathuka, uhlambulukile; umbingeleli wothi uhlambulukile.
38 Xa kuthe kwakho kwindoda nakwinkazana elùswini lwenyama yayo amatshatshazi, amatshatshazi amhlophe, wakhangela umbingeleli,
39 O! amatshatshazi elùswini lwenyama yabo akanabumhlophe: litshanda elo, lithe qwele elùswini; uhlambulukile.
40 Indoda xa ithe intloko yayo yaguda: yinkqayi leyo, uhlambulukile.
41 Ukuba ithe yaguda intloko yayo, yathabathela ecaleni lobuso bayo: yimpandla leyo, uhlambulukile.