4 Ukuba itshatshazi lithe lamhlophe elùswini lwenyama yakhe, alabonakala lithe gangqa elùswini, alwasuka lwaba mhlophe unwele lwalo, umbingeleli womvalela onesibetho imihla esixhenxe;
5 umbingeleli amkhangele ngomhla wesixhenxe; O! isibetho simi emehlweni akhe, asiqhenqethi isibetho elùswini; wophinda umbingeleli amvalele imihla esixhenxe.
6 Umbingeleli wophinda amkhangele ngomhla wesixhenxe; O! isibetho sibunile, asiqhenqethi isibetho elùswini; umbingeleli wothi uhlambulukile: kukujaduka oko. Wozihlamba iingubo zakhe; aze ahlambuluke ke.
7 Ukuba ukujaduka kuthe kwaqhenqetha kakhulu elùswini, emva kokubonakala kwakhe kumbingeleli ngenxa yokuhlanjululwa kwakhe, wophinda abonakale kumbingeleli; umbingeleli akhangele,
8 O! ukujaduka kuqhenqethile elùswini; umbingeleli wothi uyinqambi: liqhenqa ke elo.
9 Isibetho seqhenqa, xa sithe sabakho emntwini, woziswa kumbingeleli;
10 akhangele umbingeleli, O! ukufukuka kumhlophe elùswini, kulwenze unwele lwaba mhlophe, kukho inyama ekrwada, ehleliyo ekufukukeni apho: