46 Yonke imihla esikhoyo kuye isibetho, woba yinqambi kuphele, ahlale yedwa ngaphandle kweminquba, ukuhlala kwakhe.
47 Ingubo xa sithe sabakho kuyo isibetho seqhenqa, engutyeni yoboya nasengutyeni yelinen,
48 naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, lwelinen noloboya, nasesikhumbeni, nasezintweni zonke ezenziwe ngesikhumba;
49 ukuba isibetho eso siba buhlazarha, nokuba siba yingqombela engutyeni, nasesikhumbeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasemphaleni yonke yesikhumba: sisibetho seqhenqa eso.
50 Soboniswa umbingeleli, asikhangele umbingeleli isibetho, ayivalele into enesibetho imihla esixhenxe;
51 ayikhangele loo nto inesibetho ngomhla wesixhenxe. Xa sithe saqhenqetha isibetho engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasesikhumbeni, ezintweni zonke ezenziwe ngesikhumba: liqhenqa elisenza mandundu isibetho. Yinqambi ke leyo.
52 Wóyitshisa ingubo, nosinga lokoluka, nosinga lokuluka, noboya, nelinen, nemphala yonke yesikhumba esikhoyo kuyo isibetho: ngokuba liqhenqa elimandundu; yotshiswa loo mpahla ngomlilo.