47 Ingubo xa sithe sabakho kuyo isibetho seqhenqa, engutyeni yoboya nasengutyeni yelinen,
48 naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, lwelinen noloboya, nasesikhumbeni, nasezintweni zonke ezenziwe ngesikhumba;
49 ukuba isibetho eso siba buhlazarha, nokuba siba yingqombela engutyeni, nasesikhumbeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasemphaleni yonke yesikhumba: sisibetho seqhenqa eso.
50 Soboniswa umbingeleli, asikhangele umbingeleli isibetho, ayivalele into enesibetho imihla esixhenxe;
51 ayikhangele loo nto inesibetho ngomhla wesixhenxe. Xa sithe saqhenqetha isibetho engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasesikhumbeni, ezintweni zonke ezenziwe ngesikhumba: liqhenqa elisenza mandundu isibetho. Yinqambi ke leyo.
52 Wóyitshisa ingubo, nosinga lokoluka, nosinga lokuluka, noboya, nelinen, nemphala yonke yesikhumba esikhoyo kuyo isibetho: ngokuba liqhenqa elimandundu; yotshiswa loo mpahla ngomlilo.
53 Ukuba umbingeleli uthe wakhangela, O! isibetho asiqhenqethanga engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasempahleni yonke yesikhumba: