52 Wóyitshisa ingubo, nosinga lokoluka, nosinga lokuluka, noboya, nelinen, nemphala yonke yesikhumba esikhoyo kuyo isibetho: ngokuba liqhenqa elimandundu; yotshiswa loo mpahla ngomlilo.
53 Ukuba umbingeleli uthe wakhangela, O! isibetho asiqhenqethanga engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasempahleni yonke yesikhumba:
54 wowisa umthetho umbingeleli, ihlanjwe loo nto sikuyo isibetho, aphinde ayivalele imihla esixhenxe;
55 asikhangele umbingeleli isibetho emveni kokuhlanjwa, O! isibetho asiguqukanga ukubonakala kwaso, asiqhenqethanga isibetho: yinqambi loo nto; yotshiswa ngomlilo. Yinkrombonca ngaphakathi nangaphandle.
56 Ke ukuba uthe wakhangela umbingeleli, O! isibetho sibunile emveni kokuhlanjwa kwaso: wosikrazula, asikhuphe engutyeni, nasesikhumbeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka.
57 Ukuba sithe sabuya sabonakala engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasempahleni yonke yesikhumba: kukuthi qwele kwaso oko; woyitshisa ngomlilo loo nto sikuyo isibetho.
58 Ingubo, nosinga lokoluka, nosinga lokuluka, nempahla yonke yesikhumba ehlanjiweyo, ukuba sithe isibetho semka kuyo, yophindwa ihlanjwe, ihlambuluke ke.