10 Ngomhla wesibhozo wothabatha iimvana ezimbini ezigqibeleleyo, nemvanazana emnyaka mnye egqibeleleyo ibe nye, nezahlulo ezithathu zesishumi zomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, neloge* yeoli ibe nye;
11 umbingeleli ohlambululayo ayimise indoda ezihlambululayo, nezo zinto, phambi koYehova emnyango wentente yokuhlangana.
12 Woyithabatha umbingeleli enye imvana, ayisondeze ibe lidini letyala, neloge yeoli, azitshangatshangise zibe ngumtshangatshangiso ezo nto phambi koYehova;
13 ayixhelele imvana apho kuxhelelwa khona idini lesono nedini elinyukayo, endaweni engcwele; kuba, njengokuba lilelombingeleli idini lesono, likwanjalo idini letyala: liyingcwele kangcwele.
14 Wocaphula umbingeleli egazini ledini letyala, adyobhe umbingeleli esithinzini sendlebe yasekunene yalowo uzihlambululayo, nasesithupheni sesandla sakhe sokunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene.
15 Aze acaphule umbingeleli elogeni yeoli, ayigalele esandleni sombingeleli sasekhohlo;
16 awuthi nkxu umbingeleli umnwe wakhe wasekunene eolini esesandleni sakhe sasekhohlo, afefe inxalenye yeoli ngomnwe wakhe izihlandlo ezisixhenxe phambi koYehova.