36 Wowisa umthetho umbingeleli, ukuba bayikhuphe impahla endlwini, engekangeni umbingeleli ukuba asikhangele isibetho, ukuze ingabi yinqambi yonke into esendlwini; emveni koko wongena umbingeleli ukuba ayikhangele indlu.
37 Akusikhangela isibetho, O! isibetho sisezindongeni zendlu, sizizifanya ezibuhlazarha, nokuba zifuna ukuba ngqombela, ukubonakala kwazo zithe gangqa eludongeni:
38 wophuma umbingeleli endlwini, aye emnyango wendlu, ayivale indlu imihla esixhenxe.
39 Wobuya umbingeleli ngomhla wesixhenxe akhangele, O! siqhenqethile isibetho ezindongeni zendlu;
40 aze awise umthetho umbingeleli, ukuba arholwe amatye esikuwo isibetho eso, aphoswe ngaphandle komzi endaweni eyinqambi;
41 ayiphale indlu ngaphakathi ngeenxa zonke, bawuphose umhlaba abawuphalileyo ngaphandle komzi endaweni eyinqambi;
42 bathabathe matye wambi, bawafake endaweni yaloo matye, kuthatyàthwe olunye udaka, ityatyekwe indlu.