48 Ukuba umbingeleli uthe wangena, wakhangela, O! isibetho asiqhenqethanga endlwini emveni kokutyatyekwa kwendlu, umbingeleli wothi ihlambulukile indlu, ngokuba isibetho siphilisiwe.
49 Wothabatha into yokuhlambulula indlu: iintaka zibe mbini, nomsedare,* noboya obubomvu, nehisope.*
50 Maze ayixhelele enye intaka empahleni yomdongwe phezu kwamanzi aphilileyo;
51 awuthabathe umsedare, nehisope, noboya obubomvu, nentaka ephilileyo, azithi nkxu egazini lentaka exheliweyo, nasemanzini aphilileyo, ayifefe indlu izihlandlo zibe sixhenxe;
52 ayihlambulule indlu ngegazi lentaka leyo, nangamanzi aphilileyo, nangentaka ephilileyo, nangomsedare, nangehisope, nangoboya obubomvu.
53 Woyindulula intaka ephilileyo iye ngaphandle komzi, iye ezindle, ayicamagushele indlu; yohlambuluka ke.
54 Nguwo lowo umyalelo osingisele kuzo zonke izibetho zeqhenqa nakuko ukudlathuka kweenwele,