52 ayihlambulule indlu ngegazi lentaka leyo, nangamanzi aphilileyo, nangentaka ephilileyo, nangomsedare, nangehisope, nangoboya obubomvu.
53 Woyindulula intaka ephilileyo iye ngaphandle komzi, iye ezindle, ayicamagushele indlu; yohlambuluka ke.
54 Nguwo lowo umyalelo osingisele kuzo zonke izibetho zeqhenqa nakuko ukudlathuka kweenwele,
55 nakulo iqhenqa lengubo,
56 nelendlu, nakuko ukufukuka, nakuyo injaduko, nakulo itshatshazi,
57 aboyalwa ngawo ngemini yento eyinqambi, nangemini yento ehlambulukileyo. Nguwo lowo umyalelo weqhenqa.