6 ayithabathe intaka ephilileyo, nomsedare, noboya obubomvu, nehisope, azithi nkxu, ndawonye nentaka ephilileyo, egazini lentaka exhelelwe phezu kwamanzi aphilileyo;
7 amfefe lowo uza kuhlanjululwa eqhenqeni lakhe izihlandlo zibe sixhenxe, athi uhlambulukile, ayindulule intaka ephilileyo iye ezindle.
8 Lowo uzihlambululayo wozihlamba iingubo zakhe, achebe zonke iinwele zakhe, ahlambe emanzini, ahlambuluke ke.Emveni koko wongena eminqubeni, ahlale ngaphandle kwentente yakhe imihla esixhenxe;
9 kuthi ngomhla wesixhenxe, achebe zonke iinwele zakhe entloko, nasesilevini sakhe, nasemashiyini akhe, azichebe zonke iinwele zakhe, azihlambe iingubo zakhe, ahlambe umzimba wakhe emanzini, ahlambuluke ke.
10 Ngomhla wesibhozo wothabatha iimvana ezimbini ezigqibeleleyo, nemvanazana emnyaka mnye egqibeleleyo ibe nye, nezahlulo ezithathu zesishumi zomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, neloge* yeoli ibe nye;
11 umbingeleli ohlambululayo ayimise indoda ezihlambululayo, nezo zinto, phambi koYehova emnyango wentente yokuhlangana.
12 Woyithabatha umbingeleli enye imvana, ayisondeze ibe lidini letyala, neloge yeoli, azitshangatshangise zibe ngumtshangatshangiso ezo nto phambi koYehova;