15 Woyixhela inkunzi yebhokhwe yedini lesono eyeyabantu, alise igazi layo ngaphaya komkhusane, alenze igazi layo njengoko walenzayo igazi lenkunzi entsha yenkomo, alifefe esihlalweni sokucamagusha nangaphambili kwesihlalo sokucamagusha;
16 ayicamagushele ingcwele ngenxa yobunqambi boonyana bakaSirayeli, nangenxa yezikreqo zabo ngokubhekisele ezonweni zabo zonke; enjenjalo kwintente yokuhlangana ehleliyo nabo phakathi kobunqambi babo.
17 Makungabikho mntu ententeni yokuhlangana, ekungeneni kwakhe ukuya kucamagusha engcweleni, kude kube sekuphumeni kwakhe.Makazicamagushele okwakhe, nokwendlu yakhe, nokwesikhungu sonke samaSirayeli.
18 Wophuma aye esibingelelweni esiphambi koYehova, asicamagushele, acaphule egazini lenkunzi entsha yenkomo, nasegazini lenkunzi yebhokhwe, alidyobhe ajikelezise ezimpondweni zesibingelelo;
19 asifefe ngenxalenye yegazi ngomnwe wakhe izihlandlo ezisixhenxe, asihlambulule, asingcwalise, ebunqambini boonyana bakaSirayeli;
20 agqibe ukuyicamagushela ingcwele nentente yokuhlangana, nesibingelelo.Woyisondeza inkunzi yebhokhwe ephilileyo,
21 acinezele uAron ngezandla zakhe zozibini entlokweni yenkunzi yebhokhwe ephilileyo, abuvume phezu kwayo bonke ubugwenxa boonyana bakaSirayeli, nezikreqo zabo zonke ngokubhekisele ezonweni zabo zonke, azibeke ke phezu kwentloko yenkunzi leyo yebhokhwe, ayithumele entlango ngendoda ezilungisele oko.