20 Xa indoda ithe yayilala inkazana, ilikhobokazana eliganelwe indoda, lingàkhululwanga ngokuhlawulelwa, lingàphiwanga nenkululeko: bobethwa; bangàbulawa, ngokuba belingakhululekile.
21 Yolizisa idini letyala layo kuYehova emnyango wentente yokuhlangana, inkunzi yemvu, ibe lidini letyala;
22 ayicamagushele umbingeleli ngenkunzi leyo yemvu yedini letyala phambi koYehova ngenxa yesono sayo, eyoné ngaso. Yosixolelwa ke isono sayo, eyoné ngaso.
23 Xa nifikileyo ezweni elo, natyala yonke imithi edliwayo, nòthi iziqhamo zayo zikúkungaluki; zoba zezingalukanga kuni iminyaka emithathu, ize zingàdliwa.
24 Ngowesiné umnyaka, zonke iziqhamo zayo zoba ngumnikelo ongcwele wendumiso kuYehova.
25 Ngomnyaka wesihlanu nozidla iziqhamo zayo, ukuze zinongezele ungeniselo lwayo: ndinguYehova, uThixo wenu.
26 Ize ningadli nto inegazi.Ize ningahlabi sihlabo; ize ningabi ngamatola.