4 Musani ukubheka kwiinto ezingení; ningazenzeli izithixo ezityhidiweyo: ndinguYehova, uThixo wenu.
5 Xa nibingelela kuYehova umbingelelo woxolo, nobingelela ukuze unikholekise.
6 Wódliwa ngomhla wokubingelela kwenu nangengomso; okuseleyo kwada kwangumhla wesithathu kotshiswa ngomlilo.
7 Ukuba kuthe kwadliwa nokudliwa ngomhla wesithathu, kuyimbozisa; akuyi kukholekisa.
8 Ke okudlayo, wobuthwala ubugwenxa bakhe; ngokuba eyihlambele ingcwele kaYehova; loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo.
9 Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungawavuni ugqibelele amacala entsimi yakho, ungabhikici lubhikico lokuvuna kwakho.
10 Uze ungasicholi isidiliya sakho; nento evuthulukileyo yomdiliya wakho uze ungayibhikici; woyishiyela olusizana nomphambukeli: ndinguYehova, uThixo wenu.