13 Intombi yombingeleli, xa ithe yangumhlolokazi, nokuba ithe yaliwa, ingazalanga, yabuyela endlwini kayise, yokúdla ukudla kukayise njengasebutsheni bayo. Wonke ongengowakuni makangadli kuko.
14 Umntu othe wayidla into engcwele ngokulahleka, makongeze isihlanu sayo kuyo, ayinike umbingeleli into engcwele.
15 Ize bangazihlambeli izinto ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, ezo bazirhumela uYehova,
16 babathwalise ubugwenxa betyala ekudleni kwabo izinto zabo ezingcwele: ngokuba ndinguYehova obangcwalisayo.
17 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
18 Thetha kuAron nakoonyana bakhe, nakoonyana bonke bakaSirayeli, uthi kubo, Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli, nowakubaphambukeli abakwaSirayeli, osukuba esondeza umsondezo wakhe ngokubhekisele kwizibhambathiso zabo zonke, nangokubhekisele kwimibingelelo yabo yonke yokuqhutywa yintliziyo, asukuba ewusondeza kuYehova, ukuba ube lidini elinyukayo:
19 wóthi, ukuze unikholekise, ube liduna eligqibeleleyo lasezinkomeni, nokuba lelasezigusheni, nelasezibhokhweni.