1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Amaxesha amisiweyo kaYehova, eniya kuwavakalisa ukuba abe ziintlanganiso ezingcwele, ngawo la amaxesha am amisiweyo.
3 Wosebenza imihla emithandathu; ke umhla wesixhenxe uyisabatha kasabatha, yintlanganiso engcwele. Ze ningenzi namnye umsebenzi ngawo: yisabatha kaYehova emakhayeni enu onke.
4 Ngawo la amaxesha amisiweyo kaYehova, iintlanganiso ezingcwele, eniya kuzivakalisa ngamaxesha azo amisiweyo ngenyanga yokuqala,
5 ngolweshumi elinesiné enyangeni leyo, lakutshona ilanga, yipasika* kaYehova.
6 Ngosuku lweshumi elinesihlanu enyangeni leyo ngumthendeleko wezonka ezingenagwele kaYehova; iintsuku ezisixhenxe nodla izonka ezingenagwele.