18 Ndawonye nezonka ezo ize nisondeze iimvana ezigqibeleleyo ezisixhenxe, ezimnyaka mnye, nenkunzi entsha, ithole lenkomo, ibe nye, neenkunzi zezimvu zibe mbini, zibe lidini elinyukayo kuYehova, neminikelo yazo yokudla, neminikelo yazo ethululwayo; kukudla kwasemlilweni, kwevumba elithozamisayo kuYehova.
19 Ize ninikele inkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono, neemvana ezimbini ezimnyaka mnye zibe ngumbingelelo woxolo.
20 Wozitshangatshangisa umbingeleli ezo zinto, ndawonye nezonka eziziintlahlela, zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, ndawonye neemvana ezimbini; zibe ngcwele kuYehova ngenxa yombingeleli.
21 Nize nimeme ngenkqu yayo loo mini, ukuba kubekho intlanganiso engcwele kuni; ize ningenzi msebenzi wakukhonza. Ngummiselo ongunaphakade emakhayeni enu onke ezizukulwaneni zenu.
22 Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungaligqibi icala lentsimi yakho ekuvuneni kwakho, ungalubhikici ubhikico lwesivuno sakho; woshiyela olusizana nomphambukeli: ndinguYehova uThixo.
23 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
24 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Ngenyanga yesixhenxe, ngolokuqala enyangeni leyo, noba nesabatha, isikhumbuzo sokumema ngesigodlo intlanganiso engcwele.