40 Ize nizithabathele ngomhla wokuqala amahlamvu emithi okuhombisa, amagqabi amasundu, namasebe emithi ethe shinyi, nemingculuba yasemlanjeni; nigcobe phambi koYehova uThixo wenu iintsuku ezisixhenxe.
41 Lo mthendeleko nowenzela uYehova iintsuku ezisixhenxe ngomnyaka. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu: niwenze umthendeleko ngenyanga yesixhenxe.
42 Nohlala eminqubeni iintsuku ezisixhenxe; bonke abazalelwe kwaSirayeli bohlala eminqubeni;
43 ukuze zazi izizukulwana zenu, ukuba ndabahlalisa oonyana bakaSirayeli eminqubeni, ekubakhupheni kwam ezweni laseYiputa: ndinguYehova, uThixo wenu.
44 UMoses wabaxelela oonyana bakaSirayeli amaxesha lawo amisiweyo kaYehova.