18 inxalenye yegazi ayidyobhe ezimpondweni zesibingelelo esiphambi koYehova, esisententeni yokuhlangana, igazi lonke aliphalazele esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo, esisemnyango wentente yokuhlangana.
19 Wowasusa amanqatha onke kulo, aqhumisele ngawo esibingelelweni.
20 Makenze kule nkunzi intsha njengoko wenza kwinkunzi entsha yedini lesono, enjenjalo nakule, umbingeleli abacamagushele; boxolelwa ke.
21 Woyikhuphela inkunzi entsha ngaphandle kweminquba, ayitshise njengoko wayitshisayo inkunzi entsha yokuqala. Lidini lesono lesikhungu elo.
22 Xa kuthe kona isikhulu, senza into ngokulahlekana nomthetho kaYehova uThixo waso, nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, sazeka ityala;
23 ukuba sithe satyhilwa kuso isono saso esoné ngaso: sozisa umsondezo waso, ixhonti lebhokhwe eliliduna eligqibeleleyo.
24 Socinezela ngesandla saso phezu kwentloko yebhokhwe exhonti, siyixhelele apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo phambi koYehova. Lidini lesono ke elo.