28 ukuba sithe satyhilwa kuye isono sakhe oné ngaso: wózisa umsondezo wakhe, ixhonti elilithokazi lebhokhwe, eligqibeleleyo, ngenxa yesono sakhe oné ngaso.
29 Wocinezela ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini lesono, alixhelele idini lesono endaweni yedini elinyukayo.
30 Umbingeleli wocaphula egazini lalo ngomnwe wakhe, alidyobhe ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, igazi lalo lonke aliphalazele esisekweni sesibingelelo.
31 Wowasusa onke amanqatha alo, njengoko asuswayo amanqatha ombingelelo woxolo, aqhumisele ngawo umbingeleli esibingelelweni, libe livumba elithozamisayo kuYehova; umbingeleli amcamagushele; woxolelwa ke.
32 Ukuba ke umsondezo wakhe wedini lesono uyimvana, wózisa ithokazi eligqibeleleyo;
33 acinezele ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini lesono, alixhelele idini lesono apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo.
34 Umbingeleli wocaphula egazini ledini lesono ngomnwe wakhe, alidyobhe ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, igazi lalo lonke aliphalazele esisekweni sesibingelelo.