5 nento yonke abeyifungele ubuxoki. Woyibuyekeza ngangenani layo, ongeze phezu kwalo isahlulo sesihlanu salo, ayinike osukuba engumniniyo ngomhla wedini lakhe letyala.
6 Wólizisa idini letyala lakhe kuYehova, kumbingeleli, inkunzi yemvu egqibeleleyo yasempahleni emfutshane, ngokulinganisela kwakho, ibe lidini letyala.
7 Umbingeleli womcamagushela phambi koYehova, axolelwe ke ezintweni zonke azenzileyo, wazeka ityala ngazo.
8 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
9 Wisela uAron noonyana bakhe umthetho, uthi, Nguwo lo umyalelo wedini elinyukayo: lona idini elinyukayo lotsha eziko phezu kwesibingelelo ubusuku bonke kude kuse, nomlilo wesibingelelo uhlale usitsha kulo.
10 Umbingeleli makambathe ingubo yakhe yelinen emhlophe, ambathe nebhulukhwe yelinen emhlophe enyameni yakhe, asuse uthuthu lomlilo odle idini elinyukayo phezu kwesibingelelo, alubeke ecaleni lesibingelelo;
11 ahlube iingubo zakhe ezo, ambathe ngubo zimbi, aphume nothuthu, aye nalo ngaphandle kweminquba, endaweni emhlophe.