8 Umbingeleli osondeza idini elinyukayo lomntu, isikhumba sedini elinyukayo alisondezayo soba sesombingeleli.
9 Nomnikelo wonke wokudla owosiwa ezikweni lezonka, nawo wonke owenzelwa epanini nasembizeni, woba ngowombingeleli owusondezayo.
10 Ke umnikelo wonke wokudla ogalelwe ioli, nowomileyo, woba ngowoonyana bonke baka-Aron, omnye abe njengomnye.
11 Nguwo lo umyalelo wombingelelo woxolo, aya kuwusondeza kuYehova.
12 Ukuba úthe wasondeza ngenxa yombulelo, wosondeza phezu kombingelelo wombulelo imiqhathane engenagwele egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba ezingenagwele, zithanjiswe ioli, nomgubo ocoliweyo, okroqiweyo, oyimiqhathane egalelwe ioli.
13 Kunye nemiqhathane yesonka esingenagwele, wosondeza umsondezo wakhe phezu kombingelelo wakhe wombulelo ongowoxolo;
14 asondeze ube mnye othatyathwe emsondezweni wonke, ube ngumrhumo kuYehova, ube ngowombingeleli olitshizayo igazi lombingelelo woxolo.