19 namanqatha enkomo nawenkunzi yemvu, nomsila wayo, nomhlehlo, nezintso, nomhlehlo wesibindi.
20 Bawabeka loo manqatha phezu kwazo iincum, waqhumisela ngamanqatha esibingelelweni.
21 Ke iincum ezo, nomlenze lowo wasekunene, wazitshangatshangisa uAron zaba ngumtshangatshangiso phambi koYehova, njengoko wamwiselayo umthetho uMoses.
22 UAron waziphakamisela ebantwini izandla zakhe, wabasikelela; wehla ke ekulenzeni idini lesono, nedini elinyukayo, nombingelelo woxolo.
23 Bangena ooMoses noAron ententeni yokuhlangana; baphuma ke babasikelela abantu: babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kubo bonke abantu.
24 Kwaphuma umlilo ebusweni bukaYehova, walidla idini elinyukayo, namanqatha aphezu kwesibingelelo; babona bonke abantu, baduma, bawa ngobuso.