1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2 Zenzele amaxilongo esilivere ekhandiweyo, abe mabini, abe ngawokubiza ibandla, nokundulula iminquba.
3 Kwakuvuthelwa ixilongo kuqutshwa, lozihlanganisela kuwe lonke ibandla emnyango wentente yokuhlangana.
4 Ukuba kuthe kwavuthelwa ixilongo, kwaqutshwa ngakanye, zozihlanganisela kuwe izikhulu, iintloko zamawaka akwaSirayeli.
5 Nákuvuthela nolule, yonduluka iminquba emise iintente ngasempumalanga.