4 Yini na ukuba nisingenise isikhungu sikaYehova kule ntlango, sifele kuyo, thina neenkomo zethu?
5 Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, nisizise kule ndawo imbi kangaka? Asindawo yambewu, namakhiwane, namidiliya, nazirharnate, tu namanzi okusela!
6 Besuka ooMoses noAron ebusweni besikhungu, baya emnyango wentente yokuhlangana, bawa ngobuso. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kubo.
7 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
8 Yithabathe intonga, ulibizele ndawonye ibandla, wena noAron umkhuluwa wakho, nithethe engxondorheni phambi kwabo, inike amanzi ayo, ubakhuphele amanzi engxondorheni apho, uliseze ibandla neenkomo zalo.
9 Wayithabatha ke uMoses intonga ebusweni bukaYehova, njengoko wawiswayo umthetho.
10 Wasibizela ndawonye uMoses noAron isikhungu phambi kwengxondorha leyo, wathi kubo, Khanive, nina baneenkani. Sínikhuphele amanzi kule ngxondorha na?